4. Intánda yam yasolula isandla sayo ngekroba;Kwasika esiswini ngenxa yayo.
5. Ndavuka ndaya kuyivulela intánda yam,Nezandla zam zavuza imore;Neminwe yam, imore eyivuzelayoEsiphathweni sesitshixo.
6. Ndayivulela mna intánda yam;Ke yona intánda yam ibijike yemka.Ndemkelwa ngumbilini yakuthetha;Ndayifuna, andayifumana;Ndayibiza, àyasabela.
7. Bandifumana abalindi abajikajika phakathi komzi,Bandibetha, bandilimaza;Abalindi beendonga bandihlutha ingubo yam yokwaleka ekrelekrele.