1. Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.
2. Makandange ngokwanga komlomo wakhe;Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.
3. Amafutha akho anevumba elimnandi;Liyioli ethululwayo igama lakho;Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.
4. Nditsale, sogidima emva kwakho;Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe,Sogcoba, sivuye ngawe.Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini;Zikuthanda zinyanisile.
5. Ndimnyama, ndinomkhitha noko,Zintombi zaseYerusalem,Njengeentente zakwaKedare,Njengamalengalenga kaSolomon.
6. Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama,Ngakuba nditshe lilanga.Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo,Bandenza umlindi wezidiliya;Ke esisesam isidiliya andisilindanga.
7. Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam,Walúsela phi na? Ùyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu?Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyoNgasemihlambini yamakholwane akho?