Ilevitikus 7:18-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ukuba kuthe kwadliwa, nokuba yintwana le yenyama yombingelelo wakhe woxolo, ngomhla wesithathu, awusayi kumkholekisa owusondezayo, awusayi kubalelwa kuye; woba yimbozisa. Ubani odlayo kuwo wobuthwala ubugwenxa bakhe.

19. Nenyama efike entweni yonke eyinqambi mayingadliwa; yotshiswa ngomlilo. Ke yona inyama, bonke abahlambulukileyo boyidla inyama;

20. ubani osukuba esidla inyama yombingelelo woxolo ongokaYehova, enobunqambi bakhe, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

21. Xa athe ubani wachukumisa into eyinqambi, nokuba bubunqambi bomntu, nokuba bubunqambi bezinto ezizitho ziné eziziinqambi, nokuba yinto yonke enezothe eyinqambi, waza wadla inyama yombingelelo woxolo ongokaYehova, wonqanyulwa loo mntu, angabikho ebantwini bakowabo.

22. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

23. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ize ningadli nqatha lankomo, namvu, nabhokhwe.

24. Inqatha lento ezifeleyo, nenqatha lento eqwengiweyo, ningásebenza ngalo emisebenzini yonke; ke ukulidla ningalidli.

25. Kuba bonke abalidlayo inqatha lezinto ezizitho ziné, abazisondezileyo zaba kukudla kwasemlilweni kuYehova, loo mntu ulidlayo wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

26. Ize ningadli gazi emakhayeni enu onke, nelantaka, nelazinto zizizitho ziné.

27. Wonke ubani osukuba esidla nto iligazi, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

28. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

29. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Lowo usondeza umbingelelo wakhe woxolo kuYehova, ukuwuzisa umsondezo wakhe kuYehova, wówuthabatha kumbingelelo wakhe woxolo lowo.

30. Izandla zakhe zókuzisa ukudla kwasemlilweni kukaYehova: inqatha eliphezu kwencum wolizisa kunye nencum, ukuba litshangatshangiswe libe ngumtshangatshangiso phambi koYehova.

31. Umbingeleli woqhumisela ngenqatha elo esibingelelweni; ke yona incum ibe yeka-Aron neyoonyana bakhe;

32. umlenze wasekunene niwunike umbingeleli, ube ngumrhumo kumbingeleli emibingelelweni yenu yoxolo.

33. Lowo phakathi koonyana baka-Aron, usondeza igazi lombingelelo woxolo nenqatha, umlenze wasekunene woba ngowakhe, ube sisabelo sakhe.

34. Kuba incum yomtshangatshangiso, nomlenze womrhumo, ndiwuthabathile koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo; ndiwuniké uAron umbingeleli, noonyana bakhe, ukuba ube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli.

Ilevitikus 7