Ilevitikus 25:41-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. aphume kuwe enabantwana bakhe, abuyele emizalwaneni yakhe, abuyele elifeni likayise;

42. ngokuba ngabakhonzi bam abo, endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. Makungathengiswa ngabo ngokuthengiswa kwekhoboka.

43. Uze ungamphathi ngokutyumzayo; uze woyike uThixo wakho.

44. Ikhoboka lakho nekhobokazana lakho, la akuwe, oba ngabasezintlangeni eziningqongileyo; nothenga kuzo ikhoboka nekhobokazana.

45. Kanjalo koonyana babaziindwendwe kuni, abaphambukele kuni, nothenga kubo, nasemizalwaneni yabo ekuni, abayizalele ezweni lenu; babe lilifa kuni.

46. Nobenza babe lilifa koonyana benu emva kwenu, ukuba babathabathe babe lilifa, nibakhonzise ngonaphakade. Ke bona abazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, mabangaphathani ngokutyumzayo.

47. Xa sithe isandla somphambukeli nolundwendwe kuwe satyeba ekuwe, umzalwana wakho wanzonza ekuye, wazithengisa kumphambukeli olundwendwe kuwe, nakumlibo womzalwana womphambukeli:

48. wóba nokukhululwa ngentlawulelo emva kokuzithengisa kwakhe. Omnye kubazalwana bakhe womkhulula ngentlawulelo;

49. nokuba nguyisekazi, nokuba ngunyana kayisekazi, womkhulula ngentlawulelo; nokuba ngowenyama yenyama yakhe emizalwaneni yakhe, womkhulula ngentlawulelo; nokuba isandla sakhe sithe satyeba, wózikhulula ngokwakhe ngentlawulelo.

50. Wóbalelana nowamthengayo, athabathele emnyakeni wokuthengiswa kwakhe kuye, ase emnyakeni wentlokoma, ithi imali yokuthengiswa kwakhe ime ngokwenani leminyaka abekuye, ngokwemihla yomqeshwa.

51. Ukuba isemininzi iminyaka, woyibuyisa kwimali yokuthengwa kwakhe, ibe ngangayo intlawulelo yokukhululwa kwakhe.

52. Ukuba kuthe kwasala iminyaka embalwa, ukuze kube ngumnyaka wentlokoma, wóbala ngokweminyaka yakhe, abuyise intlawulelo yokukhululwa kwakhe.

Ilevitikus 25