Ilevitikus 25:29-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Umntu xa athe wathengisa ngendlu yokuhlala, isemzini onodonga, yoba nokukhululwa ngentlawulelo ude uphele umnyaka wokuthengiswa kwayo; yoba ziintsuku ezithile isenokukhululwa ngentlawulelo.

30. Ukuba ithe ayakhululwa ngentlawulelo, wada wazaliseka waphela umnyaka, yoqiniselwa kuphele indlu esemzini onodonga, kulowo wayithengayo ezizukulwaneni zakhe; ayi kuphuma ngomnyaka wentlokoma.

31. Ke izindlu zemizana, engabiyelwe ngeendonga, zobalelwa ekuthini ngamasimi alo ilizwe: zoba nokukhululwa ngentlawulelo zona, ziphume ngomnyaka wentlokoma.

32. Ke imizi yabaLevi, izindlu zemizi yelifa labo, zoba nokukhululwa ngentlawulelo nanini kubaLevi.

33. Ethe yathengwa kubaLevi, indlu ekuthengiswe ngayo emzini welifa lakhe, yophuma ngomnyaka wentlokoma; ngokuba izindlu zemizi yabaLevi zililifa labo phakathi koonyana bakaSirayeli.

34. Ilizwe ledlelo lemizi yabo makungathengiswa ngalo, ngokuba lilifa elingunaphakade kubo.

35. Xa athe umzalwana wakho wanzonza, isandla sakhe solukela kuwe, sòmomeleza, aphile nawe engumphambukeli, elundwendwe kuwe.

36. Musa ukuthabatha nzala kuye, nalwando lwemboleko; uze woyike uThixo wakho, aphile umzalwana wakho kuwe.

37. Imali yakho uze ungamniki ngenxa yenzala, ungamniki ukudla kwakho ngenxa yolwando lwemboleko:

38. ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndinike ilizwe lakwaKanan, ndibe nguThixo kuni.

39. Xa athe umzalwana wakho wanzonza ekuwe, wazithengisa kuwe, uze ungamkhonzisi ngokukhonza kwekhoboka.

Ilevitikus 25