1. Wathi uYehova kuMoses. Yitsho kubabingeleli, oonyana baka-Aron, ukuthi, Ze kungabikho uzenza inqambi ngenxa yomfi phakathi kwabantu bakowabo.
2. Kungába ngenxa yenyama yakhe ekufuphi kuye yodwa: unina noyise, nonyana wakhe, nentombi yakhe, nomzalwana wakhe.
3. Nodade wabo oseyintombi, leyo ikufuphi kuye, ingenandoda, angázenza inqambi ngenxa yayo.
4. Engumninimzi nje, makangazenzi inqambi phakathi kwabantu bakowabo, ukuba azihlambele.
5. Ize bangenzi mpandla entlokweni yabo, bangaliguyi icala leendevu zabo, bangayicenti inyama yabo.
6. Mababe ngcwele kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; kuba besondeza ukudla kwasemlilweni kukaYehova, ukudla koThixo wabo; mababe ngcwele.
7. Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelweyo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.
8. Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; wóba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo.
9. Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.