Ilevitikus 20:17-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuzé bakhe, wabubona yena ubuzé bayo, benzé ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhilé ubuzé bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.

18. Indoda esukuba imlala umfazi enomzí yabutyhila ubuzé bakhe, yalenza laba zé ithende lakhe, naye walityhila ithende lamagazi akhe: bonqanyulwa bobabini, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.

19. Ubuzé bonyokokazi nobodade boyihlo uze ungabutyhili, ngokuba uyenza ibe zé inyama yakhe; bobuthwala ubugwenxa babo.

20. Indoda esukuba imlala umkayisekazi, yabutyhila ubuzé boyisekazi: bosithwala isono sabo, bafe bengenamntwana.

21. Indoda esukuba izeka umfazi womntakayise, yinto engcolileyo leyo: ityhile ubuze bomntakayise; abayi kuba namntwana.

22. Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze, ukuze linganihlanzi ilizwe elo ndinisa kulo ukuba nihlale kulo.

23. Ize ningahambi emimiselweni yohlanga olo ndilugxothayo ebusweni benu; ngokuba bazenzile zonke ezo nto, ndakruquka ngabo.

24. Ndathi ke kuni, Nina niya kulidla ilifa ilizwe labo; ndininikile mna ukuba libe lilifa kuni, ilizwe elibaleka amasi nobusi. NdinguYehova, uThixo wenu, onahluleyo kwezinye izizwe.

25. Ize niyahlule into ezitho ziné ehlambulukileyo kweyinqambi, nentaka eyinqambi kwehlambulukileyo, ningayenzi imiphefumlo yenu ibe nezothe ngento ezitho ziné, nangentaka, nangento yonke enambuzelayo emhlabeni, endinahluleyo nayo kuba iyinqambi.

26. Ize nibe ngcwele kum, ngokuba ndiyiNgcwele, mna Yehova; ndanahlula kwezinye izizwe, ukuba nibe ngabam.

27. Indoda nenkazana xa bathe baneshologu, baba ngoosiyazi, mababulawe bafe. Boxulutywa ngamatye, amagazi abo abe phezu kwabo.

Ilevitikus 20