Indoda esukuba imlala umfazi enomzí yabutyhila ubuzé bakhe, yalenza laba zé ithende lakhe, naye walityhila ithende lamagazi akhe: bonqanyulwa bobabini, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.