Iindumiso 96:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele,Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi.

10. Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani,Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi,Úya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye.

11. Liya kuvuya izulu,Ligcobe ihlabathi;Luya kugquma ulwandle, nenzaliseko yalo.

12. Liya kudlamka ilizwe, nento yonke ekulo,Ize imemelele yonke imithi yehlathi

13. Phambi koYehova, ngokuba esiza,Ngokuba esiza kugweba ihlabathi.Úya kuligweba elimiweyo ngobulungisa,Nezizwe ngokunyanisa kwakhe.

Iindumiso 96