9. Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele,Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi.
10. Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani,Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi,Úya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye.
11. Liya kuvuya izulu,Ligcobe ihlabathi;Luya kugquma ulwandle, nenzaliseko yalo.
12. Liya kudlamka ilizwe, nento yonke ekulo,Ize imemelele yonke imithi yehlathi
13. Phambi koYehova, ngokuba esiza,Ngokuba esiza kugweba ihlabathi.Úya kuligweba elimiweyo ngobulungisa,Nezizwe ngokunyanisa kwakhe.