Iindumiso 89:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Iinceba zikaYehova ndiya kuvuma ngazo ngonaphakade,Kwizizukulwana ngezizukulwana ndiya kwazisa ukuthembeka kwakho ngomlomo wam.

2. Ngokuba ndithi, Yakheka ngonaphakade inceba;Amazulu, úya kukuzinzisa kuwo ukuthembeka kwakho.

3. Wathi, Ndenzé umnqophiso nomnyulwa wam,Ndifungile kuDavide umkhonzi wam:

4. Ndiya kuyizimasa ngonaphakade imbewu yakho,Ndiyakhe itrone yakho kwisizukulwana ngesizukulwana. (Phakamisani.)

5. Amazulu abulela imisebenzi yakho ebalulekileyo, Yehova,Nokuthembeka kwakho ebandleni labangcwele.

6. Ngokuba ngubani na esibhakabhakeni olingana noYehova? Ngubani na ofana noYehova phakathi koonyana bakaThixo.

7. UThixo ongowokungcangcazelelwa ebhungeni elikhulu labangcwele,Ongofanelwe kukoyikwa ngaphezu kwabo bonke abamngqongileyo?

8. Yehova, Thixo wemikhosi,Ngubani na onjengawe, oluqilima, Yehova?Ukuthembeka kwakho kukungqongile.

9. Nguwena mlawuli wekratshi lolwandle;Ekuphakameni kwamaza alo uyawadambisa.

Iindumiso 89