Iindumiso 59:11-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu;Babhadulise ngamandla akho, ubawise,Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu.

12. Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo;Mababanjiswe likratshi labo,Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.

13. Bágqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho;Baqónde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi,Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)

14. Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,Bawuhamba-hambe umzi.

15. Bona babhadulela ukudla;Ukuba bathe àbahlutha, balala apho.

16. Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho,Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho,Kuba ubuyingxonde kum,Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.

Iindumiso 59