9. Tshabalalisa, Nkosi yam, yahlula ulwimi lwazo;Ngokuba ndiboné ukugonyamela nokubambana phakathi komzi.
10. Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zawo;Ubutshinga nokwaphula kuphakathi kwawo;
11. Ukweyelisela kuphakathi kwawo;Endaweni yembutho yawo akusuki ukuxinezela nokukhohlisa.
12. Ngokuba àsilutshaba olu lundingcikivayo;Bendiya kukuthwala oko.Àsingondithiyileyo lo uzikhulisayo kum;Bendiya kusithela kuye.
13. Nguwe, mntu ubungumlingane wam,Ikholwane lam endazana nalo,
14. Ebesicweya kamnandi,Siye endlwini kaThixo silihlokondiba eligcobayo.
15. Ukufa makubaqubule,Mabehle baye kwelabafileyo besaphilile;Ngokuba ububi busemizini yabo phakathi kwabo.
16. Mna ndinqula uThixo;UYehova uya kundisindisa.
17. Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine;Úya kuliva izwi lam.
18. Úwukhulula umphefumlo wam unoxolo, ukuze bangasondeli kum,Ngokuba baninzi abandichasayo.
19. UThixo uya kuva, abaphendule,Uselokwamandulo ehleli, (Phakamisani.)Abo bangenanguquko,Bangamoyikiyo uThixo.
20. Babasa isandla abaxolelene nabo;Bahlambela umnqophiso wabo;
21. Ubuthelezi njengamasi umlomo wabo,Ke yimfazwe intliziyo yabo.Athambile amazwi abo ngaphezu kweoli,Kanti aziintlangothi zekrele.
22. Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa;Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.
23. Wena ke, Thixo, uya kubahlisela emngxunyeni wesihogo.Abantu bamagazi nenkohliso abayi kuyiqingathisa imihla yabo;Ke mna ndikholose ngawe.