3. Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam,Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,
4. Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje;Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo,Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.
5. USimon noLevi ngabazalwana;Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo.
6. Egquguleni labo úze ungangeni umphefumlo wam,Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam;Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda,Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.
7. Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu:Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima.Ndiya kubachithachitha kwaYakobi,Ndibaphangalalise kwaSirayeli.
8. Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa,Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho;Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo.
9. Lithole lengonyama uYuda;Ùsuké ekuqwengeni, nyana wam,Waguqa, wabuthuma njengengonyama,Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa?
10. Intonga ayayi kumka kuYuda,Intonga yommisi-mthetho ayayi kumka phakathi kweenyawo zakhe,Ade afike uShilo,Zimlulamele izizwe.