Igenesis 47:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Babuya bathi kuFaro, Siphambukele kweli lizwe, kuba akukho tyani bampahla imfutshane abanayo abakhonzi bakho, kuba inzima indlala ezweni lakwaKanan; ngoko ke mabakhe bahlale ezweni laseGoshen abakhonzi bakho.

5. Wathetha uFaro kuYosefu, wathi, Uyihlo nabazalwana bakho bafikile kuwe.

6. Ilizwe laseYiputa liphambi kwakho: uyihlo nabazalwana bakho bahlalise kweyona ndawo intle yelizwe; mabahlale ezweni laseGoshen. Ukuba ùyazi ukuba kukho kuwo amadoda aziinkunkqele emsebenzini, wamise abe ngabaphathi bemfuyo endinayo.

7. UYosefu wamngenisa uYakobi uyise, wammisa phambi koFaro. UYakobi wamsikelela uFaro.

8. UFaro wathi kuYakobi, Mingaphi na iminyaka yobudala bakho?

9. Wathi uYakobi kuFaro, Imihla yeminyaka yokuba lundwendwe kwam emhlabeni yiminyaka elikhulu elinamanci mathathu; imbalwa, imibi, imihla yeminyaka yobudala bam; ayifikanga emihleni yeminyaka yobudala boobawo, emihleni yokuba lundwendwe kwabo emhlabeni.

10. UYakobi wamsikelela ke uFaro; waphuma, wemka ebusweni bukaFaro.

Igenesis 47