15. Yaphela imali ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan. Onke amaYiputa eza kuYosefu, esithi, Sinike ukudla. Yini na ukuba sife phambi kwakho, kuba imali iphelile.
16. Wathi uYosefu, Rholani imfuyo yenu; ndoninika ngemfuyo yenu, ukuba imali iphelile.
17. Ayizisa imfuyo yawo kuYosefu; uYosefu wawanika ukudla ngamahashe, nangemfuyo eyimpahla emfutshane, nangemfuyo eziinkomo, nangamaesile; wawapha ukudla endaweni yayo yonke imfuyo yawo ngaloo mnyaka.