Igenesis 4:8-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.

9. Wathi uYehova kuKayin, Úphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na?

10. Wathi, Wenzé ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum.

11. Ngoko ùqalekisiwe emhlabeni, owakhamisé umlomo wawo ukuba ùlithabathe igazi lomninawa wakho esandleni sakho.

12. Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; ùya kubhadula uphalaphale ehlabathini.

13. Wathi uKayin kuYehova, Ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa.

14. Yabona, ùndigxothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule, ndiphalaphale ehlabathini; bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale.

15. Wathi uYehova kuye, Xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.

16. Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.

17. UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wákha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.

18. UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.

19. ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.

Igenesis 4