Igenesis 4:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wathi uYehova kuye, Xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.

16. Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.

17. UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wákha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.

18. UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.

19. ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.

20. UAda wazala uYabhali; yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo.

21. Igama lomninawa wakhe belinguYubhali; yena waba nguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali.

22. UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama.

23. Wathi uLameki kubafazi bakhe,Ada noZila, liveni ilizwi lam!Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam!Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam,Nendodana ngenxa yomvumbo wam;

24. Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe,Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.

Igenesis 4