10. UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana.
11. Wathi uLeya, Lithamsanqa! Wamthiya igama elinguGadi.*
12. UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini.
13. Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere.*
14. Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo.