Igenesis 30:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku akubona uRakeli ukuba akamzaleli mntwana uYakobi, uRakeli wammonela udade wabo, wathi kuYakobi, Ndinike abantwana; ukuba akundiniki, ndofa.

2. Wavutha umsindo kaYakobi ngakuRakeli, wathi, Ndisesikhundleni sikaThixo na, okuvimbileyo isiqhamo sesizalo?

3. Wathi yena, Nantso impelesi yam uBhiliha; yingene, izalele emadolweni am, ndakheke nam ngayo.

4. Wamnika ke uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumfazi; uYakobi wamngena.

5. Wamitha uBhiliha, wamzalela uYakobi unyana.

6. Wathi uRakeli, UThixo undigwebele, kananjalo uliphulaphule izwi lam, wandinika unyana; ngenxa yoko wamthiya igama elinguDan.*

Igenesis 30