Igenesis 25:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wabuya uAbraham wazeka umfazi; igama lakhe lalinguKetura.

2-3. Wamzalela uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshibhaki, noShuwa. UYokeshan wazala uShebha noDedan; oonyana bakaDedan bebengama-Asiriya, namaLetushi, namaLehum.

4. Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.

5. UAbraham wazinika uIsake zonke izinto abenazo.

6. Ke oonyana bamashweshwe, abenawo uAbraham, wabanika izipho uAbraham; wabandulula, bemka kuIsake unyana wakhe, esekho, basinga empumalanga, ezweni lasempumalanga.

Igenesis 25