Igenesis 20:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngoko mbuyise umfazi wale ndoda, ngokuba ingumprofeti; yókuthandazela ukuba uphile; ukuba uthe akwambuyisa, yazi ukuba ùya kufa, wena nabo bonke onabo.

8. Wavuka kwakusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wawathetha onke la mazwi ezindlebeni zabo. Oyika kakhulu loo madoda.

9. UAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikoné ngantoni na, ukuba undizisele mna nobukumkani bam isono esingaka? Wenzé kum izenzo ezingezakwenziwa.

10. Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ubone ntoni na, ukuba uyenze le nto?

11. Wathi uAbraham, Ndithe, akukho kanye ukoyika uThixo kule ndawo; baya kundibulala ngenxa yomkam.

Igenesis 20