1. Ke kaloku uSarayi umka-Abram ubengamzaleli mntwana. Waye enomkhonzazana ongumYiputazana, ogama belinguHagare.
2. Wathi uSarayi kuAbram, Yabona, uYehova undivingcile ukuba ndingazali; khawungene kumkhonzazana wam lo, mhlawumbi ndingakheka ngaye. Waliphulaphula uAbram izwi likaSarayi.
3. Wathi uSarayi, umka-Abram, wamthabatha uHagare um Yiputazana, umkhonzazana wakhe, emveni kokuba uAbram wayehleli iminyaka elishumi ezweni lakwaKanan, wamnika uAbram indoda yakhe ukuba abe ngumkakhe.
4. Wamngena ke uHagare, wamitha; akubona ukuba umithi, inkosikazi yakhe yacukucezeka emehlweni akhe.
5. Wathi uSarayi kuAbram, Ukoniwa kwam makube phezu kwakho; umkhonzazana wam ndimnike mna esifubeni sakho; Ășthe akubona ukuba umithi, ndacukucezeka emehlweni akhe; uYehova makagwebe phakathi kwam nawe.
6. Wathi uAbram kuSarayi, Yabona, umkhonzazana wakho usesandleni sakho; yenza kuye okulungileyo emehlweni akho. USarayi wamcinezela, wabaleka wemka ebusweni bakhe.
7. Ke kaloku isithunywa sikaYehova samfumana ngasemthonjeni wamanzi entlango, ngasemthonjeni osendleleni eya eShure.