Wathi uAbram kuSarayi, Yabona, umkhonzazana wakho usesandleni sakho; yenza kuye okulungileyo emehlweni akho. USarayi wamcinezela, wabaleka wemka ebusweni bakhe.