8. Wakhawuleza uMoses, wathoba emhlabeni, waqubuda kuye.
9. Wathi, Ukuba undibabále, Nkosi yam, mayihambe phakathi kwethu iNkosi yam; kuba bengabantu abantamo ilukhuni. Xolela ubugwenxa bethu nesono sethu, usenze ilifa lakho.
10. Wathi, Yabona, ndènza umnqophiso; ndiya kwenza imisebenzi ebalulekileyo, engazanga idalwe ehlabathini lonke nasezintlangeni zonke, phambi kwabantu bonke bakowenu; bonke abantu ophakathi kwabo wena bowubona umsebenzi kaYehova; ngokuba yinto eyoyikekayo eniya kuyenza kuwe.
11. Kúgcine oko ndikuwisela umthetho ngako namhla. Yabona, ndigxotha ebusweni bakho ama-Amori, namaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
12. Zígcine, hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe ungena kulo; hleze babe ngumgibe phakathi kwakho.
13. Nòzidiliza izibingelelo zabo, niziqhekeze izimiso zabo zamatye, nibagawule ooAshera* babo.
14. Kuba akusayi kungqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele;
15. hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, baze bahenyuze ngokulandela oothixo babo, babingelele koothixo babo, bakubize udle umbingelelo wabo;
16. uzekele oonyana bakho ezintombini zabo, zize iintombi zabo zihenyuze ngokulandela oothixo babo, zihenyuzise noonyana bakho, ngokubalandelisa oothixo babo.
17. Uze ungazenzeli oothixo abatyhidiweyo.
18. Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine. Iintsuku ezisixhenxe wodla izonka ezingenagwele, njengoko ndakuwisela umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma eYiputa ngenyanga enguAbhibhi.
19. Yonke into evula isizalo yeyam, nemfuyo yakho yonke evula isizalo engamaduna, nokuba yinkomo, nokuba yimvu;