Ieksodus 22:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.

6. Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.

7. Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.

8. Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo,* afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo.

9. Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo;* othe wagwetywa nguThixo,* wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.

10. Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho ziné, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani:

11. makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli.

12. Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo.

13. Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo.

Ieksodus 22