4. Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.
5. Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.
6. Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.
7. Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, NdÃye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?