Ieksodus 2:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi.

2. Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu.

3. Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene* netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.

4. Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.

5. Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.

6. Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.

Ieksodus 2