Ieksodus 13:16-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. ibe ngumqondiso esandleni sakho, ibe sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, kuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesithe nkqi isandla.

17. Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo àkabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uThixo, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eYiputa.

18. UThixo wabazungulezisa abantu ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu.*Banyuka bexhobile oonyana bakaSirayeli, bevela ezweni laseYiputa.

19. UMoses wawathabatha wahamba nawo amathambo kaYosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambo am, emke nani kule ndawo.

20. Banduluka eSukoti, balalisa e-Etam, enyeleni yentlango.

21. UYehova wahamba phambi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambe imini nobusuku.

22. Awusukanga umqulu welifu emini, nomqulu womlilo ebusuku, phambi kwabantu.

Ieksodus 13