5. azinikele kuni uYehova; nenze kuzo ngokomthetho wonke endiniwiseleyo.
6. Yomelelani nikhaliphe: musani ukoyika, musani ukungcangcazela ebusweni bazo. Ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.
7. UMoses wambiza ke uYoshuwa, wathi kuye emehlweni amaSirayeli onke, Yomelela ukhaliphe; kuba wena uya kungena naba bantu kwelo zwe wafungayo kooyise uYehova ukuba wobanika; wena uya kubadlisa ilifa.
8. NguYehova ohamba phambi kwakho; yena uya kuba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya. Uze ungoyiki, ungaqhiphuki mbilini.
9. Wawubhala uMoses lo myalelo, wawunika ababingeleli, oonyana bakaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, namadoda amakhulu akwaSirayeli onke.