12. Aba baya kuma basikelele abantu, entabeni yeGerizim, nakuyiwela iYordan: uSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noYosefu, noBhenjamin:
13. aba baya kuma baqalekise, entabeni ye-Ebhali: uRubhen, noGadi, noAshere, noZebhulon, noDan, noNafetali.
14. Bohlabela abaLevi, bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli ngezwi elikhulu:
15. Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
16. Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen.
17. Uqalekisiwe oshenxisa umlimandlela wommelwane wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
18. Uqalekisiwe olahlekisa imfama endleleni; bathi bonke abantu, Amen.
19. Uqalekisiwe ojika isigwebo somphambukeli nenkedama nomhlolokazi; bathi bonke abantu, Amen.