Abagwebi 7:3-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Khawudanduluke ke ngoko ezindlebeni zabantu, uthi, Owoyikayo nogubhayo makabuye, makanyebeleze emke ezintabeni zeGiliyadi. Kwabuya ke kubo abantu abangamawaka angamashumi omabini anamabini; kwasala amawaka alishumi.

4. Wathi uYehova kuGidiyon, Abantu basebaninzi. Yihla nabo, uye emanzini, ndikukhethele bona apho; kothi, endithe kuwe, Lo uya kuhamba nawe, maze ahambe nawe yena; bonke endisukuba ndithi kuwe, Lo akayi kuhamba nawe, ize angahambi nawe yena.

5. Wehla nabantu waya emanzini; wathi uYehova kuGidiyon, Bonke abasukuba bekramncela amanzi ngolwimi lwabo, njengoko ixhaphayo inja, uze ubamise bodwa; bonke abasukuba beguqa ngamadolo abo ukuba basele, uze ubamise bodwa.

6. Inani labaseláyo ngesandla salo emlonyeni laba ngamadoda amakhulu mathathu; bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.

Abagwebi 7