5. Walumeka ngomlilo ezikhunini, wazindulula zaya engqoloweni yamaFilisti engekavunwa; watshisa, ethabathela ezitheni, wesa engqoloweni engekavunwa, wesa emiyezweni yeminquma.
6. Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenzé oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo.
7. Wathi uSamson kuwo, Ukuba nenjenje, inene, ndiya kuziphindezelela kuni, ndandule ukupheza.
8. Wawaxabela kakhulu ihleza nethangá; wehla ke, wahlala emqhokrweni wengxondorha yase-Etam.
9. Enyuka amaFilisti, amisa kwaYuda, ákha uluhlu eLehi.
10. Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba ninyuke nize phezu kwethu? Athi wona, Sinyuke seza kukhonkxa uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi.