Abagwebi 15:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Walumeka ngomlilo ezikhunini, wazindulula zaya engqoloweni yamaFilisti engekavunwa; watshisa, ethabathela ezitheni, wesa engqoloweni engekavunwa, wesa emiyezweni yeminquma.

6. Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenzé oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo.

7. Wathi uSamson kuwo, Ukuba nenjenje, inene, ndiya kuziphindezelela kuni, ndandule ukupheza.

8. Wawaxabela kakhulu ihleza nethangá; wehla ke, wahlala emqhokrweni wengxondorha yase-Etam.

9. Enyuka amaFilisti, amisa kwaYuda, ákha uluhlu eLehi.

10. Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba ninyuke nize phezu kwethu? Athi wona, Sinyuke seza kukhonkxa uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi.

Abagwebi 15