Abagwebi 15:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Athi kuye, Sihlé, sizé kukukhonkxa, ukuba sikunikele esandleni samaFilisti. Wathi uSamson kuwo, Ndifungeleni, ukuba aniyi kundibulala ngokwenu.

13. Athi kuye, Siya kukukhonkxa sikuqinise, sikunikele esandleni sawo; ukukubulala, asiyi kukubulala. Amkhonkxa ngezintya ezintsha ezimbini, amnyusa engxondorheni.

14. Weza eLehi; amaFilisti amkhawulela eduma. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova; izintya ebezisemikhonweni yakhe zaba njengeflakisi* etshe ngumlilo, amakhamandela akhe acombuluka ezandleni zakhe.

15. Wafumanana nomhlathi omtsha we-esile, wasolula isandla, wawuthabatha, wabulala ngawo iwaka lamadoda.

16. Wathi uSamson,Ngomhlathi we-esile zizigigaba ngezigigaba;Ngomhlathi we-esile ndisiké iwaka lamadoda.Kwathi, akugqiba ukuthetha, wawulahla umhlathi esandleni sakhe,

17. wathi loo ndawo yiRamati-lehi.*

18. Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena uniké ngesandla somkhonzi wakho usindiso olungaka; kanti nanku ndiya kufa linxano, ndeyele esandleni sabangalukanga.

19. Wawucanda uThixo umgongxo oseLehi; kwaphuma amanzi kuwo. Wasela, wabuya umoya wakhe, waphila ke. Ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo nguMthombo woMnquli, oseLehi unanamhla.

20. Wawalawula amaSirayeli ngemihla yamaFilisti iminyaka emashumi mabini.

Abagwebi 15