Abagwebi 1:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. UAdoni waseBhezeki bamfumana eBhezeki, balwa naye, bawabulala amaKanan namaPerizi.

6. Wasaba uAdoni waseBhezeki; bamsukela, bambamba, bamnqumla oozithupha noobhontsi.

7. Wathi uAdoni waseBhezeki, Ookumkani abamashumi asixhenxe babechola phantsi kwetafile yam, benqunyulwe oozithupha noobhontsi; njengoko ndenza ngako, wenjénjalo uThixo ukubuyekeza kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona.

8. Ke kaloku oonyana bakaYuda balwa neYerusalem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bathi umzi bawufaka umlilo.

9. Behla emveni koko oonyana bakaYuda, baya kulwa namaKanan abehleli kweleentaba, nakwelasezantsi, nakweleentlambo.

10. Waya uYuda kumaKanan abehleli eHebron; igama leHebron ngenxa engaphambili beliyiKiriyati ka-Arbha; babulala uSheshayi, noAhiman, noTalemayi.

11. Wesuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri ngenxa engaphambili beliyiKiriyati-sefere.

12. Wathi uKalebhi, Othe wayingenela iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.

13. Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.

14. Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?

15. Yathi kuye, Ndinike into, ngokuba undiniké umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. UKalebhi wayinika ke imithombo yasentla nemithombo yasezantsi.

Abagwebi 1