Abagwebi 1:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emva kokufa kukaYoshuwa, babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova, besithi, Ngubani na oya kusiqalela ukunyuka aye kumaKanan, alwe nawo?

2. Wathi uYehova, Konyuka uYuda: yabonani, ndilinikele ilizwe esandleni sakhe.

3. Wathi uYuda kuSimon umkhuluwa wakhe, Nyuka nam, siye eqashisweni lam silwe namaKanan; nam ndoya nawe eqashisweni lakho. USimon wahamba naye ke.

Abagwebi 1