7. Lonke ixesha endahambahamba ngalo phakathi koonyana bonke bakaSirayeli, ndakha ndalithetha na ilizwi nakusinye isizwe sakwaSirayeli endasiwisela umthetho wokuba sibalúse abantu bam amaSirayeli, ndisithi, Yini na ukuba ningandakheli indlu yemisedare?
8. Ke ngoko wòtsho ukuthi kumkhonzi wam uDavide, Útsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndákuthabatha mna edlelweni, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yingànga yabantu bam amaSirayeli;
9. ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho phambi kwakho, ndakwenzela igama elikhulu, njengegama labakhulu abasehlabathini;
10. ndabamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndabatyala ukuba bahlale esikhundleni sabo, bangabi sagunqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babacinezele njengasekuqaleni, kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi.
11. Ndiya kukuphumza ezintshabeni zakho zonke.UYehova uyakuxelela ukuba uYehova uya kukwenzela indlu.
12. Xa ithe yazaliseka imihla yakho, walala kooyihlo, ndoyiphakamisa emva kwakho imbewu yakho, eya kuphuma ezibilini zakho, ndibuqinise ubukumkani bakhe.
13. Nguye oya kulakhela igama lam indlu, ndiyiqinise itrone yobukumkani bakhe, kude kuse ephakadeni.
14. Mna ndiya kuba nguyise wakhe, yena abe ngunyana wam; endothi ebugwenxeni bakhe, ndimohlwaye ngentonga yabantu, nangobetho loonyana baka-Adam.
15. Ke yona inceba yam ayiyi kusuka kuye, njengoko ndayisusayo kuSawule, endimsusileyo ebusweni bakho.
16. Iya kuqina indlu yakho nobukumkani bakho kude kuse ephakadeni phambi kwakho; itrone yakho iya kuqiniseka kude kuse ephakadeni.
17. Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo ukuthetha uNatan kuDavide.
18. Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Nkosi yam Yehova? Iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?
19. Kusekuncinane oko ke emehlweni akho, Nkosi yam Yehova; uthetha ngoku nangendlu yomkhonzi wakho, usingise mgama. Le nto ke lisiko lomntu na, Nkosi yam Yehova?
20. Angabuya abe esathetha ntoni na ke uDavide kuwe? Wena uyamazi umkhonzi wakho, Nkosi yam Yehova.