1. Weva unyana kaSawule ukuba ufile uAbhinere eHebron, zawa izandla zakhe. Onke amaSirayeli akhwankqiswa yiloo nto.
2. Unyana kaSawule ubenamadoda amabini angabathetheli bemikhosi. Igama lenye lalinguBhahana, igama leyesibini lalinguRekabhi; bengoonyana bakaRimon waseBheroti, kubo oonyana bakaBhenjamin. Ngokuba neBheroti ibibalelwa kwaBhenjamin:
3. abaseBheroti babebalekele eGitayim, baba ngabaphambukeli khona unanamhla.
4. Ke kaloku uYonatan unyana kaSawule ubenonyana ofe iinyawo; ebeminyaka mihlanu ezelwe, ukufika kodaba lukaSawule noYonatan eYizereli. Umondlikazi wakhe wesuka wamthabatha, wabaleka; kwathi, ekubalekeni kwakhe buphuthuphuthu, wawa, waba sisiqhwala. Igama lakhe belinguMefibhoshete.
5. Bahamba oonyana bakaRimon waseBheroti, ooRekabhi noBhahana, ekufudumaleni kwemini, bafika endlwini kaIshbhoshete, elele emini enkulu.
6. Bona bangena endlwini phakathi, ngokungathi baza kuthabatha ingqolowa, basuka bamtsho esiswini; basaba uRekabhi noBhahana umzalwana wakhe.
7. Bangena ke endlwini, elele esingqengqelweni sakhe egumbini lakhe lokulala; bamhlaba, bambulala, bamnqumla intloko, bayithabatha intloko yakhe, bahamba ngendlela yeArabha bonke ubusuku.
8. Bayisa intloko kaIshbhoshete kuDavide eHebron, bathi kukumkani, Nantsi intloko kaIshbhoshete unyana kaSawule, utshaba lwakho, elube lufuna umphefumlo wakho; uYehova uyiphindezelele inkosi yam namhla kuSawule, nakwimbewu yakhe.