2 Usamuweli 3:23-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Bafika ooYowabhi nomkhosi wonke anawo. Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, UAbhinere unyana kaNere ubezile kukumkani, wamndulula, wahamba exolile.

24. Waya uYowabhi kukumkani, wathi, Yintoni na le uyenzileyo? Ùyabona, ubezile uAbhinere kuwe; yintoni na le nto umndululeyo, wahamba wemka?

25. Uyamazi uAbhinere unyana kaNere, ukuba ubeze kukuthomalalisa, ukuze akwazi ukuphuma kwakho nokungena kwakho, akwazi konke okwenzayo.

26. Waphuma uYowabhi kuDavide, wathuma abathunywa; balandela uAbhinere, bambuyisa equleni laseSira, uDavide engazi.

2 Usamuweli 3