18. Waya ke uGadi kuDavide ngaloo mini, wathi kuye, Nyuka, uye ummisele uYehova isibingelelo esandéni sika-Aravena umYebhusi.
19. Wenyuka uDavide ngokwelizwi likaGadi, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako.
20. Walunguza uAravena, wambona ukumkani nabakhonzi bakhe besiza kuye. Waphuma uAravena, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni.
21. Wathi uAravena, Izelani na inkosi yam ukumkani kumkhonzi wayo? Wathi uDavide, Ndiza kuthenga isandá kuwe, ukuba ndakhele uYehova isibingelelo, sithintelwe isibetho ebantwini.