2 Usamuweli 21:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Bathi abaseGibheyon kuye, Àkunathi ukubiza isilivere negolide kuSawule nakwindlu yakhe; àkunathi ukubulala umntu kwaSirayeli. Wathi kubo, Nithi ke, mandinenzele ntoni na?

5. Bathi kukumkani, Indoda eyasigqibayo, eyagqiba kwelokuba sitshatyalaliswe, singemi emdeni wonke wakwaSirayeli,

6. makunikelwe kuthi isixhenxe samadoda koonyana bayo, siwabethelele eminqamlezweni kuYehova eGibheha kaSawule, umnyulwa kaYehova. Wathi ukumkani, Ndowanikela mna.

7. Ke ukumkani wamsindisa uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, ngenxa yesifungo sikaYehova esibe siphakathi kwabo, phakathi koDavide noYonatan unyana kaSawule.

8. Ukumkani wathabatha oonyana ababini bakaRitspa intombi ka-Aya, awayizalela uSawule, uArmoni noMefibhoshete; noonyana abahlanu bakaMeribha intombi kaSawule, awabazalela uAdriyeli unyana kaBharzilayi waseMehola.

9. Wabanikela esendleni sabaseGibheyon, ababethelela eminqamlezweni entabeni phambi koYehova, sawa kunye isixhenxe eso. Babulawa bona ngeemini zokuqala zokuvuna, ekuqaleni kokuvunwa kwerhasi.

10. URitspa, intombi ka-Aya, wathabatha ingubo erhwexayo, wazanekela eweni, esusela ekuqaleni kokuvuna, wezisa ekuthululweni kwamanzi ezulwini phezu kwabo; àkavuma ukuba iintaka zezulu zithi vu phezu kwabo emini, namarhamncwa asendle ebusuku.

11. Waxelelwa uDavide awakwenzayo uRitspa intombi ka-Aya, ishweshwe likaSawule.

12. UDavide waya, wawathabatha amathambo kaSawule, namathambo kaYonatan unyana wakhe, kubemi baseYabheshe yeGiliyadi, ababewabile endaweni yembutho yaseBhete-shan, apho amaFilisti abebaxhome khona, mini amaFilisti ambulalayo uSawule eGilibhowa;

13. wawanyusa khona amathambo kaSawule namathambo kaYonatan unyana wakhe, bawabutha namathambo abo babebethelelwe eminqamlezweni;

14. amathambo kaSawule noYonatan unyana wakhe bawangcwabela ezweni lakwaBhenjamin eTsela, engcwabeni likaKishe uyise; bakwenza konke abewise umthetho ngako ukumkani. Wandula wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe.

15. Kwabuya kwabakho ukulwa kwamaFilisti namaSirayeli, wehla uDavide enabakhonzi bakhe, balwa namaFilisti; watyhafa uDavide.

2 Usamuweli 21