6. Wathi uDavide kuAbhishayi, Kungokunje uShebha, unyana kaBhikri, uya kusenzela ububi ngaphezu koAbhisalom; báthabathe wena abakhonzi benkosi yakho, umsukele, hleze afumane imizi enqatyisiweyo, asizĂmele.
7. Aphuma amlandela amadoda kaYowabhi, nabancinithi, nezigidimi, namagorha onke; baphuma ke eYerusalem, baya kumsukela uShebha unyana kaBhikri.
8. UAmasa weza kubo besetyeni elikhulu eliseGibheyon. Ke uYowabhi ubeyibhinqile ingubo yakhe yokulwa, umbinqo wekrele unxitywe ngaphezu kwayo esinqeni sakhe, lisesingxobeni salo; sancothuka ke, lawa ikrele.
9. Wathi uYowabhi kuAmasa, Usahleli kakuhle na, mzalwana wam? UYowabhi wambamba uAmasa ngeendevu ngesandla sokunene, ukuba amange.