15. Bafika bamngqinga eAbhele-bhete-mahaka, bawufumbela udonga lokungqinga umzi lowo, lwema phezu komsele wongqameko; baye bonke abantu ababenoYowabhi beluqhuqha, ukuze udonga lomzi luwe.
16. Kwamemeza intokazi elumkileyo ikuloo mzi, yathi, Yivani, yivani; khanithi kuYowabhi, Sondela apha, ndithethe nawe.
17. Wasondela ke kuyo; yathi loo ntokazi, ÙnguYowabhi na? Wathi, Ndinguye. Yathi kuye, Phulaphula amazwi omkhonzazana wakho. Wathi, Ndiyeva.
18. Yatsho yathi, Kwakufudula kusithiwa, Ukubuza makubuzwe eAbhele, benjenjalo ukuyifeza into.
19. Ndingowabaxolileyo, abathembekileyo kwaSirayeli; ke ùfuna ukubulala umzi ongunozala kwaSirayeli. Yini na ukuba uliginye ilifa likaYehova?
20. Waphendula uYowabhi, wathi, Makube lee, makube lee kum, ukuba ndiginye nokuba ndonakalise.
21. Hayi, akunjalo; kusuke indoda yasezintabeni zakwaEfrayim, enguShebha ngegama, unyana kaBhikri, yasiphakamisa isandla sayo kukumkani, kuDavide; khuphani yona yodwa, ndomka kulo mzi. Yathi loo ntokazi kuYowabhi, Yabona, intloko yayo iya kugityiselwa kuwe phezu kodonga.