2 Usamuweli 2:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emveni koko, wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndinyùke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Nyuka. Wathi uDavide, Ndinyùke ndiye phi na? Wathi yena, EHebron.

2. Wenyuka ke waya khona uDavide, nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.

3. Namadoda akhe abenawo wawanyusa uDavide, yayileyo nendlu yayo, ahlala emizini yaseHebron.

4. Eza amadoda akwaYuda, amthambisa khona apho uDavide ukuba abe ngukumkani kwindlu yakwaYuda.Kwaxelwa kuDavide, kusithiwa, Amadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, ngawo awamngcwabáyo uSawule.

5. UDavide wathumela ke abathunywa kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, wathi kuwo, Manisikelelwe nguYehova nina, nayenzelayo inkosi yenu uSawule loo nceba, nayingcwaba.

2 Usamuweli 2