2 Usamuweli 19:31-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. UBharzilayi waseGiliyadi wehla eRogelim, wawela nokumkani eYordan, ukuba amkhaphele phesheya kweYordan.

32. Ke uBharzilayi ebeyingwevu enkulu, eminyaka imashumi asibhozo ezelwe. Yena ebemxhasile ukumkani ekuhlaleni kwakhe eMahanayim; ngokuba ebengumntu omkhulu kunene.

33. Wathi ukumkani kuBharzilayi, Wela nam wena, ndikuxhase ukum eYerusalem.

34. Wathi uBharzilayi kukumkani, Mingaphi na imihla yeminyaka yokudla kwam ubomi, ukuba ndinyuke ndiye eYerusalem nokumkani?

35. Namhla ndiminyaka imashumi asibhozo ndizelwe; ndinako na ukwazi okulungileyo kokubi? Ăšnako na umkhonzi wakho lo ukuyiva into ayidlayo nayiselayo? Ndisenako na ukuva ilizwi leemvumi neleemvumikazi? Yini na ukuba umkhonzi wakho lo abuye abe ngumthwalo kwinkosi yam ukumkani?

36. Umkhonzi wakho lo uya kuyiwela ke iYordan nokumkani umzuzwana; yini na ukuba ukumkani andiphathe ngale mpatho?

2 Usamuweli 19