2 Usamuweli 18:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ukumkani wabawisela umthetho uYowabhi noAbhishayi noItayi, wathi, Mphatheni kakuhle umfana uAbhisalom, ngenxa yam. Beva bonke abantu ukubawisela kokumkani umthetho abathetheli ngenxa ka-Abhisalom.

6. Baphuma ke abantu, baya ezindle, bawahlangabeza amaSirayeli; kwaliwa ehlathini lakwaEfrayim;

7. babulawelwa khona abantu bakwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide; ngaloo mini kwabakho khona uxabelo olukhulu, amawaka angamashumi omabini.

8. Kwaphangalala khona ukulwa phezu kwelizwe lonke; ihlathi ladla ebantwini into eninzi, ngaphezu kokudla kwekrele, ngaloo mini.

9. UAbhisalom waqubisana nabakhonzi bakaDavide. UAbhisalom waye ekhwele kundlebende, undlebende wangena phantsi kwentshinyela yomterebhinti* omkhulu; yabambeka emterebhintini intloko yakhe, waphakathi kwezulu nomhlaba; wemka undlebende obephantsi kwakhe.

2 Usamuweli 18