2 Usamuweli 14:10-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wathi ukumkani, Othetha into kuwe, mzise kum; akasayi kuphinda akuchukumise.

11. Yathi, Ukumkani makhe amkhumbule uYehova uThixo wakhe, ukuze umphindezeli wegazi angakwandisi ukonakalisa, bangamtshabalalisi unyana wam. Wathi ke yena, Ehleli nje uYehova, akuyi kuwa nalunye unwele lonyana wakho emhlabeni.

12. Yathi inkazana, Makhe athethe ilizwi umkhonzazana wakho enkosini yam ukumkani.

13. Wathi yena, Thetha. Yathi inkazana leyo, Yini na ke ukuba ucinge into enjalo ngabantu bakaThixo? Ngokulithetha eli lizwi, ukumkani unjengonetyala, engambuyisi nje ukumkani umgxothwa wakhe.

14. Ngokuba simelwe kukufa, sinjengamanzi aphaleleyo emhlabeni, angenakuhlanganiswa; noThixo akasusi mphefumlo, ufuna icebo, ukuze angamgxothi kuye umgxothwa.

15. Le nto ndize kulithetha kukumkani inkosi yam eli lizwi ndenzé kuba abantu aba bendoyikisile; wathi ke umkhonzazana wakho, Makhe ndithethe kukumkani, mhlawumbi ukumkani angalenza ilizwi lomkhonzazana wakhe.

16. Ngokuba wóva ukumkani, amhlangule umkhonzazana wakhe esandleni sale ndoda iza kunditshabalalisa mna, kunye nonyana wam elifeni likaThixo.

17. Wathi ke umkhonzazana wakho, Ilizwi lenkosi yam ukumkani malibe lelokuphumza; ngokuba njengoko sinjalo isithunywa sikaThixo, injalo inkosi yam ukumkani, ukuva okulungileyo nokubi; uYehova uThixo wakho makabe nawe.

18. Waphendula ke ukumkani, wathi kwinkazana, Musa ukukha uyikhanyele kum into endikubuzayo. Yathi inkazana, Mayikhe ithethe inkosi yam ukumkani.

19. Wathi ke ukumkani, Isandla sikaYowabhi àsinawe na kule nto yonke? Yaphendula inkazana, yathi, Uhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam kumkani, inene, akukho nto ingasekunene nengasekhohlo kuko konke ekuthethayo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYowabhi umkhonzi wakho, nguye lo undiwisele umthetho, nguye lo uwabekileyo emlonyeni womkhonzazana wakho onke la mazwi.

20. Wenzé le nto umkhonzi wakho uYowabhi, ukuze buguqulwe ubuso bale nto. Ke inkosi yam ilumké ngokulumka kwesithunywa sikaThixo, ukuba yazi konke okusemhlabeni.

21. Wathi ukumkani kuYowabhi, Uyabona, ndiyenzile ke loo nto; hamba uye, umbuyise umfana lowo uAbhisalom.

22. Wawa ke uYowabhi ngobuso emhlabeni, waqubuda, wabulela kukumkani, wathi, Namhla wázile umkhonzi wakho, ukuba úbabalwe nguwe, nkosi yam kumkani, esenzile nje ukumkani isicelo somkhonzi wakhe.

2 Usamuweli 14