25. Ukumkani wathi kuAbhisalom, Musa, nyana wam; masingayi sonke sibe ngumthwalo kuwe. Wamzama; akavuma ukuya, kodwa wamsikelela.
26. Wathi uAbhisalom, Ukuba akuyi wena, makakhe ahambe nathi uAmnon, umkhuluwa wam. Wathi ukumkani kuye, Ahambeleni na nawe?
27. UAbhisalom wamzama; wavuma ukuba uAmnon ahambe naye, noonyana bonke bokumkani.
28. UAbhisalom wawawisela umthetho amadodana akwakhe, wathi, Khanikhangele, xa ithe intliziyo ka-Amnon yamnandi yiwayini, ndaza ndathi kuni, Mbetheni uAmnon, nombulala. Musani ukoyika; àniwiselwe ndim na umthetho?
29. Yomelelani nibe ngamakroti. Enza ke amadodana ka-Abhisalom kuAmnon njengoko uAbhisalom abewawisele umthetho. Besuka ke bonke oonyana bokumkani; walowo wakhwela kundlebende wakhe, basaba.
30. Kwathi, besesendleleni, zafika iindaba kuDavide, zisithi, UAbhisalom ubabulele bonke oonyana bokumkani, akwasala namnye.