4. UDavide wathuma abathunywa, wamthabatha; weza ke yena kuye, walala naye. Akuba ezingcwalisile ebunqambini bakhe, wabuyela endlwini yakhe.
5. Wamitha umfazi lowo; wathumela, waxelela uDavide, wathi, Ndimithi.
6. UDavide wathumela kuYowabhi, esithi, Thumela kum apha u-Uriya umHeti. UYowabhi wamthumela u-Uriya kuDavide.
7. Waya u-Uriya kuye. Wabuza uDavide ukuba unjani na uYowabhi, banjani na abantu, injani na imfazwe.
8. UDavide wathi ku-Uriya, Yihla uye endlwini yakho, uhlambe iinyawo zakho. Waphuma u-Uriya endlwini yokumkani; kwaphuma emva kwakhe isipho sokumkani.
9. U-Uriya walala emnyango wendlu yokumkani, nabakhonzi bonke benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.
10. Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, u-Uriya akehlanga aye endlwini yakhe. Wathi uDavide ku-Uriya, Akuveli eluhambeni na? Yini na ukuba ungehli uye endlwini yakho?
11. Wathi u-Uriya kuDavide, Ityeya namaSirayeli namaYuda ahleli eminqubeni, nenkosi yam uYowabhi nabakhonzi benkosi yam bahleli endle; mna ndĂye endlwini yam, ndidle, ndisele, ndilale nomkam? Uhleli nje wena, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kuyenza loo nto.
12. Wathi uDavide ku-Uriya, Hlala apha nanamhla, ndokundulula ngomso. Wahlala ke u-Uriya eYerusalem ngaloo mhla nangengomso.
13. UDavide wammema: wadla, wasela phambi kwakhe; wamnxilisa. Waphuma ngokuhlwa, waya kulala esililini sakhe nabakhonzi benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.
14. Kwathi kusasa, uDavide wabhala incwadi kuYowabhi, wayithumela ngesandla sikaUriya.
15. Wabhala ke encwadini, wathi, Mbekeni u-Uriya kweyona ndawo ishushu, angásisichenge kuyo emfazweni, nibuye umva, ukuze abinzwe afe.