1. Kwathi emveni kokuba njalo, wafa ukumkani woonyana baka-Amon; wangukumkani uHanun, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
2. Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun, unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzelayo inceba. Wathumela uDavide ngesandla sabakhonzi bakhe ukumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon.
3. Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun inkosi yabo, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? UDavide àkabathumele na abakhonzi bakhe kuwe ukuze awugocagoce umzi, awuhlole, awubhukuqe?