28. Wathi ukumkani kuyo, Ùhlelwe yintoni na? Wathi, Lo mfazi uthe kum, Ndínike unyana wakho, sidle yena namhla, sidle unyana wam ngomso.
29. Sampheka ke unyana wam, samdla; ndathi kuye ngomhla olandelayo, Ethe unyana wakho, simdle; wamzimeza unyana wakhe.
30. Kwathi, akuweva ukumkani amazwi entokazi leyo, wazikrazula iingubo zakhe; wayedlula phezu kodonga. Bakhangela abantu, nanko eneengubo ezirhwexayo ngaphantsi kwezinye enyameni yakhe.
31. Wathi, Makenjenje kum uThixom, aqokele ukwenjenje, ukuba intloko kaElisha, unyana kaShafati, iya kuma phezu kwakhe namhla.